top of page

Indlela Ophendula Ngayo Kwizehlo Ezingaqhelekanga

Thatha uvavanyo lwemizuzu eyi 5 ufumane impendulo  kwangoko

Ngamaxesha athile izinto ziyenzeka ebantwini, Ezingaqhelekanga okanye ngokukodwa zisoyikeka, zimasikizi okanye zibuhlungu. Oku kunokuba ziziganeko ezinxulumene ne Corona virus (COVID-19) okanye ezinye iziganeko ezinje ngengozi emasikizi okanye umlilo, ukwenzakala emzimbeni okanye ukuhlukunyezwa ngokwesondo, inyikima okanye izikhukula, imfazwe, ukubona umntu ebulawa okanye enzakele ngokumasikizi, okanye ukufa komntu omthandayo ngokubulawa okanye ezibulele.

Impendulo zakho ezifihlakeleyo ziya kugcinwa kwi server ye khompyutha ekhuselekileyo. Oku kuza kusinceda sidale amanqaku akumgangatho ophakathi ukuze sifunde ukuba iindlela zokuphendula kwi COVID - 19 zahluke njani kwezinye iintlobo zeziganeko zokwenzakala. Ukuba kukho iziphumo eziza kupapashwa, iyakuba zezeqela lomndilili zodwa ezipapashwayo, ezakho wedwa okanye nayiphina inkcazelo ekhomba kuwe ayisayi kupapashwa. Iziphumo zakugcinwa ubuncinane beminyaka eyi 15. Unakho ukulushiya oluvavanyo nangaliphi ixesha ngokuphuma nje kwi khompyutha. Ukuba ufuna iziphumo ezinengcaciso ngakumbi, unokushiya I email yakho ukuphela kovavanyo uze uthelekise amanqaku akho naweqela azakuba ebonisiwe apha. Idilesi ye email yakho ayizukugcinwa.

Ingaba esisehlo sakho sinxulumene ne Corona virus?

Ingaba esisehlo senzeke kubomi bakho babucala okanye sinxulumene nomsebenzi?

Yintoni umsebenzi wakho?

Uye waziva unempawu ze Corona virus wena okanye ibingomnye umntu ochaphazelekileyo?

Anchor 1
bottom of page